Uezra 2:35-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.

36. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.

41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

Uezra 2