Uezra 2:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.

12. Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.

13. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.

14. Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.

15. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amané, anamanci mahlanu anabané.

16. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.

17. Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabathathu.

Uezra 2