10. Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anababini.
11. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.
12. Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.
13. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.
14. Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.
15. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amané, anamanci mahlanu anabané.
16. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
17. Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabathathu.
18. Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini.