Uezra 2:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo;

2. abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRehum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli:

3. oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

4. Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu,

5. anamanci asixhenxe anababini. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu.

Uezra 2