1. Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi.
2. Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ùcela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.
3. Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam.
4. Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.
5. Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? úphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?