17. Ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; wambabala, wamenzela inceba ngaphezu kweentombi zonke; unkontsho lobukumkanikazi walubeka entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.
18. Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe, isidlo sikaEstere; wawaphumza amazwe, wapha izipho ngokwamandla okumkani.
19. Ke kaloku ekuhlanganisweni kweentombi okwesibini, ubehleli uMordekayi esangweni lokumkani.
20. UEstere ubengayixelanga imizalwane yakhe nabantu bakowabo, njengoko uMordekayi wayemmisele; ngokuba ilizwi likaMordekayi ubelenza uEstere, njengokuba wayesondliwa nguye.
21. Ngaloo mihla kwathi, uMordekayi ehleli esangweni lokumkani, baba noburhalarhume uBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, bafuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.