Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; àkwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo.