Wadanduluka ngamandla, watsho ukuthi, Wúgawuleni lo mthi, niwanqumle amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo. Makabaleke emke phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo.