14. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo.
15. Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho.