13. kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.
14. Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Àndimprofeti, àndinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.
15. Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.
16. Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Ùthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.