Uamosi 7:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca.

2. Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wóthini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.

Uamosi 7