19. Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;* angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.
20. Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?
21. Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.
22. Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki.
23. Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.
24. Makugalekele umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.