16. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.
17. Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.
18. Yeha ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.
19. Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;* angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.
20. Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?
21. Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.
22. Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki.
23. Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.
24. Makugalekele umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.
25. Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mané, ndlu kaSirayeli?
26. Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo.
27. Ndiya kunifudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe.