3. Kuba bendingáde ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama, abangamaSirayeli bona;
4. ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
5. abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
6. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;