1. Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,
2. ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.
3. Kuba bendingáde ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama, abangamaSirayeli bona;
4. ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
5. abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
6. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;