Kwabaseroma 2:18-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. ùyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;

19. kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,

20. umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.

21. Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?

22. Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?

23. Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?

24. Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.

Kwabaseroma 2