Kwabaseroma 2:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ùyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;

18. ùyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;

19. kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,

20. umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.

Kwabaseroma 2