1. Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;
2. ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
3. Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
4. bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
5. Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intánda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.