19. ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.
20. Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;
21. kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa,Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona;Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.(UIsaya 52:15)
22. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
23. Ngoku ke ndíngasenandawo nje kule mimandla, ndíneminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,