15. Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,
16. ukuze ndibe ngobúsela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kúngcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
17. Ngoko ndiyazingca, ndíkuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
18. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi,