Kwabaseroma 12:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabàyo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.

9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.

10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;

11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;

12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;

13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

Kwabaseroma 12