Kwabaseroma 1:30-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. ábasebezi, ábahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangàbevayo abazali,

31. abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba;

32. bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabò bazenzayo.

Kwabaseroma 1