Kwabasekolose 3:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.

9. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,

10. nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;

11. apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari* namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.

Kwabasekolose 3