3. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo.
4. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
5. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;
6. eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;
7. enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo.
8. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.