Kwabasekolose 3:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kungé kukwiNkosi, akukhona kubantu;

24. nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.

25. Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.

Kwabasekolose 3