Kwabasekolose 3:18-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.

19. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo.

20. Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.

21. Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo.

22. Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo.

23. Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kungé kukwiNkosi, akukhona kubantu;

24. nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.

25. Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.

Kwabasekolose 3