2. ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise,
3. nekaKristu, ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.
4. Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo.
5. Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu.
6. Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye,