Kwabasefilipi 2:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;

8. wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

9. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;

10. ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba;

11. zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.

12. Ngoko ke, zintánda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo xa ndingekhoyo.

13. Kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.

14. Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza,

Kwabasefilipi 2