2. bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo, oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3. Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke
4. (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile),
5. ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku;
6. ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu;
7. njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni, nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.
8. Kuba uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu.