Kwabase-Efese 4:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.

8. Kungoko athi,Enyuké waya enyangweni, wathimba intimbo,Wabapha izipho abantu.(INdum. 68:18)

9. Oko ke kùthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba?

10. Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.

Kwabase-Efese 4