Kwabase-Efese 4:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. zénziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;

19. abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.

20. Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,

21. ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;

22. yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;

23. nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,

24. nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.

25. Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.

26. Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;

Kwabase-Efese 4