Kwabase-Efese 4:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,

2. nínako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana,

3. nisenziwa luthando, níkhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.

4. Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwáyo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.

Kwabase-Efese 4