6. awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;
7. ukuze sithi, sígwetyelwé ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.
8. Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.
9. Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto.