10. Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale;
11. ùsazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; ùyona, ezigwebile ngokwakhe.
12. Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
13. UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, báxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto.
14. Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo.