Kutito 2:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.

6. Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.

7. Ezintweni zonke zénze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo,

8. ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.

9. Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki;

10. angashinti; asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.

11. Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;

12. lusiqeqesha ukuze sithi, síkuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;

Kutito 2