Kutito 2:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;

2. ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni;

3. ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi;

4. bafundise okuhle; ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, babe nesidima,

5. babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.

6. Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.

7. Ezintweni zonke zénze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo,

8. ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.

Kutito 2