Kumahebhere 8:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuba uthi kubo, esola,Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi,Endiya kuzalisekisa phezu kwendlukaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;

9. Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise,Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa;Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona,Ndaza nam àndabakhathalela; itsho iNkosi;

10. Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeliEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi:Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo,Ndiyibhale ezintliziyweni zabo,Ndibe nguThixo kubo,Nabo babe ngabantu kum.

11. Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe,Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi;Ngokuba baya kundazi bonke,Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.

12. Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo,Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:31-34)

13. Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.

Kumahebhere 8