Kumahebhere 7:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo

19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.

20. Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungĂ bangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;

21. kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)

22. ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.

23. Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;

24. ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.

25. Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.

26. Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu;

Kumahebhere 7