13. Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi,
14. Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.
15. Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.
16. Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sÃthi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
17. Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;