Kumahebhere 5:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron.

5. Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla;(INdum. 2:7)

6. njengokuba esithi nakwenye indawo,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)

7. Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.

8. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;

9. waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,

10. ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.

11. Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.

Kumahebhere 5