8. Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, angé engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
9. Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
10. Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
11. Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.