Kumahebhere 4:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.

13. Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zizé, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.

14. Ngoko, sĂ­nombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.

15. Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.

16. Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.

Kumahebhere 4