Kumahebhere 13:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ngokokude somelele sithi,INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika;Wondenza ntoni na umntu?(INdum. 118:6)

7. Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.

8. UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.

9. Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kúhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.

10. Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.

11. Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.

12. Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango.

13. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.

14. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

15. Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.

16. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.

17. Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona àbalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabayá kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.

Kumahebhere 13