Kumahebhere 13:4-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.

5. Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;

6. ngokokude somelele sithi,INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika;Wondenza ntoni na umntu?(INdum. 118:6)

7. Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.

8. UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.

9. Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kúhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.

10. Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.

11. Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.

12. Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango.

13. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.

14. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

15. Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.

16. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.

17. Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona àbalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabayá kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.

18. Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, sínga ezintweni zonke singahamba kakuhle.

19. Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.

20. Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,

21. iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

Kumahebhere 13