Kumahebhere 12:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.

4. Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.

5. Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi,Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi,Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;

6. Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha,Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.(ImiZek. 3:11,12)

7. Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongàqeqeshwayo nguyise?

8. Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.

Kumahebhere 12