Kumahebhere 1:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

4. ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla?(INdum. 2:7)Nokuthi,Mna ndiya kuba nguYise wakhe,Yena abe nguNyana wam?(USam. II 7:14)

6. Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7. Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi,Ulozenza izithunywa zakhe oomoya,Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;(INdum. 104:4)

8. kodwa ngaye yena uNyana uthi,Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

9. Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo;Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambiseNgeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.(INdum. 45:6,7)

Kumahebhere 1