19. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,
20. bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
21. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?
22. Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.
23. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
24. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
25. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
26. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.
27. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.(UIsaya 54:1)
28. Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
29. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.