Kumagalati 4:19-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,

20. bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.

21. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?

22. Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.

23. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.

24. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;

Kumagalati 4