Kumagalati 3:25-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.

26. Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu;

27. kuba nina nonke, nàbhaptizelwayo kuKristu, námambatha uKristu.

28. Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.

29. Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.

Kumagalati 3