8. (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile* babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);
9. kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga;
10. bona ke baye kwabolwaluko; bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.
11. Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.